25/09/2022
Ndibaleke ndayocima istovu ker, khange kubekho mntu umphendulayo uMila.Sivele sajongana no Bhele,uthe xa ebona uba akahoywanga uMilani watsho ngo ngxaaa ostrongo gqiba wabaleka waphuma.Uvele wanikina intloko utat'uBhele waphakama wahamba
Baw'bhele:usale kakuhle ke mntanam (ephuma)
Me:kulungile tata
Uye wahamba utat'uBhele ndashiyeka ndihleli ndedwa endlini oko ndicinga amazwi kaMilani.Uzokhula kakubi ke wethu kuba ngk ufunda la ngqondo imdaka kamama wakhe mncinci gqithi klk uMila for ukuba abenengqondo zondibiza ngosathana🥺.But into ibindothusa ngam namhlanje bendingoyiki nokoyika njengoba ndihleli ndodwa endlini nje ibingathi ndimdala marn namhlanje bendingoyiki tu ndingenalo nexhala lika Nokuthula nje ngoba ngoba ndidla ngongcangcazela nje xa ndenze into angayifuniyo.Ndithi bendiphole ndigcwel'ibhafu mntasekhaya.Beseku lyt kuqala noba mnyama, ndiziphakele irice yam ebendiyiphekile ndavula itin ye beans ndaziqubazela esityeni esine rice ndathatha ezishiyekileyo ndazifaka efrigin ndagalela mayonnaise ndahlala phantsi ndalayta itv ndatshixa umnyamngo ndahlala phantsi ndatya.Ugqiba kwam ukutya ndiye ndayohlamba isitya sam ndazigalelela idrink ehlwahlwazayo ndathoba ngayo ibihlala ikhona efrigin idrink.Ndithe gqiba kwam ndaya eroom in yethu ndayongxiba iipyjamas zam ndakhulula uniform yam yeskolo klk oko ndibuye ndabusy khandibesakhulula nalo uniform.Ndiphume ne flese eroom in coz bekunenkwankca nyana ethile and nale ndlu inkulu so iyabanda and bendisonqena nolayta iheater wethu mna.Ndihleli phezukwesofa ndombatha nge flese ndabukela itv,ndibukele ndade ndalala esofeni.Kuthe pha ezinzulwini zobusuku ndeva abantu abathethayo futhi bethetha kufutshane bebethetha bevakala bengasebezi nosebeza.Ndothuke ndahlala ngeempundu ndajonga ngasemnyango ngoba bebethetha kwelicala linomnyango wase front.Bekuvakala ukuba ngamazwi esini esahlukeneyo bekuthetha amadoda nabafazi futhi bebesiya besondela ngasemnyanga"Kutheni ingathi akahlelanga yedwa nje lomntu wakho Nokuthula"
Send a message to learn more